Kususela oko kwabakho unyulo luka wonke wonke ngonyaka ka 1994. Wonke umntu weli wabanethemba lokuba, iMpumelelo yeANC izakuzisa utshintsho kumntu wonke, ingakumbi kwabo ikati yayisakulala eziko. kwaqala kwakhona nokukhanya apho abantu nabo bekwazi ukuhlaba ikhwelo, bahlale tafileni nye noRhulumente babonisane ngenqubela phambili, nendlela ekungaphuculwa ngayo ubomi babo.

Iqengqelekile iminyaka yafika kumashumi amabini nento, uxhuzula imakhala umbutho esikholelwa okokuba ngowabantu abamnyama nababesakuba zizisulu, nelifa likaRhulumente wangaphambili, nowawugadalala kubantu abathile, uthambe kwabathile. kuninzi esingakukhomba esele kwenziwe yi ANC ebesingakhange sicinge okokuba kungenzeka kubantu ababala lifana nelethu.

Singayibala kuphele iminye yezandla nenyawo impumelelo ye ANC kulemizuzwana yeminyaka engama 21. ndingabalula ukufakelwa kwanbantu imibane, ukwakhiwa kwemigaqo nendlela kumaphandle nakwilali, ukwakhiwa kwamaziko ezempilo endingabalula izibhedlela ezikufutshane noluntu lonke, Izikolo ezinikeza nezifundisa ngemfundo yalemihla, amaziko emfundo aphakeme nanikezela ngemfundo enomsila, ulwakhiwo lwezindlu zika Rhulumentu zifunyane luluntu lungakhuphanga nenaliti.

Lonto ayithethi ukuba umbutho olawulayo uwugqibile umsebenzi ngukuse unikezele ngezinkonzwana zingasentla. Abantu abanamisebenzi, uninzi lwabo luphila ngemali engaphantsi kwe shumi lemponti nemponti ezintlanu ngosuku. Lonto leyo sisonka ekuseni emini, naxa ulala. iANC ngumbutho ohlonitshwayo ngenxa yokuzenzela imbali yokulwa uRhulumente omhlophe nowawujongene nebala elimhlophe, ungazikhathazi ngendlela abantu abamnyama abaphila ngayo. uwafumene ke amandla okulawula ilizwe loMzantsi Afrika, de kwabakho unyulo ngo 1999,2004,2009,2014 nalapho uphumelela gqathu.

Into embi nekhathazayo kuloMbutho yeyokuba, sixhaphakelwa zinkokheli zawo, xakusondele unyulo naxa kukho unyulo. Lwakudlula unyulo, sakuzibona komabonakude sizive nakonomathotholo. Lihlazo, inyukunyezi ke elo, ngoba abona bantu bayonyulileyo ukuba ixhuzule imikhala, sithi thina bemi boMzantsiAfrika. ukuhambela qelelele kunabantu kuzakulahla amathemba ebantwini, bazibone sele bexoza miphini yimbi. ZIZICIMA-MLILO ZODWA ZONA EZIZA ELUNTWINI XANA NGABA KUKHO UMONAKALO. ANC mayohlukane nalomkhwa.

Kuyakuba likhubalo ukuzisondeza ebantwini lonke ixesha, ive izikhalazo zabemi beli loMzantsi Afrika uphela. Lonto leyo iyakuyinika ukuzithemba nayo njengombutho wabantu, nowaziwa lihlabathi, nje ngombutho olwela amaLungelo abantu, abanje ngam nawe.

Editor

Sinako Mxabo

 

 

ANC MAYOHLUKANE NOKUBA ZIZICIMA-MLILO